Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 35:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.

2. Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;

3. sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.

4. Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki* obungakwaShekem.

5. Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, àyabasukela oonyana bakaYakobi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 35