Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 35:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.

2. Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;

3. sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.

4. Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki* obungakwaShekem.

5. Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, àyabasukela oonyana bakaYakobi.

6. Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli, yena nabo bonke abantu ababenaye.

7. Wàkha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.

8. Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, wangcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.

9. UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.

10. Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.*

11. Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.

12. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiliniké wena; ndiliniké imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.

13. Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 35