Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 34:9-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;

10. nihlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqinìseke ukuma kulo.

11. Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.

12. Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.

13. Oonyana bakaYakobi babaphendula ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.

14. Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi.

15. Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda.

16. Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye.

17. Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.

18. Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.

19. Akalibala umfana ukuyenza loo nto, kuba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.

20. Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi;

21. La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.

22. Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyindoda, njengokuba alukile wona.

23. Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 34