Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 34:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.

27. Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.

28. Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha; nobutyebi babo bonke,

29. nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 34