Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 34:23-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.

24. Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo. Yalùswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.

25. Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.

26. Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.

27. Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.

28. Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha; nobutyebi babo bonke,

29. nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.

30. UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 34