Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 34:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.

2. UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.

3. Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.

4. UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndízekele le ntombi ibe ngumfazi.

5. Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.

6. Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi.

7. Bafika oonyana bakaYakobi bevela kwalusa. Bakuyiva le nto aba buhlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wênza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.

8. Wathetha uHamore nabo, esithi, UShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;

9. nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;

10. nihlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqinìseke ukuma kulo.

11. Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.

12. Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 34