Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 33:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.

6. Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.

7. Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.

8. Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibábalwe emehlweni enkosi yam.

9. Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.

10. Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.

11. Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 33