Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 32:7-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.

8. Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.

9. Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsaka, Yehova, ùthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.

10. Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.

11. Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.

12. Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho ndiyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.

13. Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;

14. iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi zeegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,

15. neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mané, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.

16. Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa.Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.

17. Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakúbuza ngokuthi, Ùngokabani na? Ùya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho? wòthi,

18. Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.

19. Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nòthetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.

20. Kananajalo nòthi, Nanko umkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibùbone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.

21. Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.

22. Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzazana bakhe bobabini, noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko leYabhoki.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 32