Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 32:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omané.

7. Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.

8. Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.

9. Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsaka, Yehova, ùthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.

10. Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.

11. Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.

12. Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho ndiyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.

13. Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;

14. iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi zeegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,

15. neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mané, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.

16. Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa.Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 32