26. Yathi, Ndíndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.
27. Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
28. Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli,* ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
29. Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam?
30. Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli;* kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
31. Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.
32. Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.