Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 32:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.

24. UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.

25. Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.

26. Yathi, Ndíndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.

27. Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.

28. Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli,* ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.

29. Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam?

30. Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli;* kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.

31. Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 32