1. UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.
2. Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.*
3. Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.
4. Wabawisela umthetho esithi, Nòthi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
5. ndineenkomo, namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumèle ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.