Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 31:37-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.

38. Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zeebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.

39. Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibíwe emini, nokuba ibíwe ebusuku.

40. Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.

41. Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinaminé ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfutshane; ùwuguqule kalishumi umvuzo wam.

42. Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene ùnge ùndindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.

43. ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana bazo ezibazeleyo?

44. Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.

45. UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.

46. Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.

47. Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta,* uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.*

funda isahluko epheleleyo Igenesis 31