Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 30:37-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari* omhlophe ezimanzi, nezom-amangile,* nezompleyini,* wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo.

38. Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela.

39. Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala.

40. Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.

41. Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.

42. Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi.

43. Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane eninzi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 30