Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 30:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.

23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

24. Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

26. Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.

27. Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.

28. Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.

29. Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.

30. Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 30