Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 30:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam.

19. Wamthiya igama elinguIsakare.* Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu.

20. Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.*

21. Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.*

22. Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.

23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

24. Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

26. Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.

27. Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.

28. Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.

29. Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 30