Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 30:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

13. Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.*

14. Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.

15. Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.

16. Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku.

17. UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu.

18. Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam.

19. Wamthiya igama elinguIsakare.* Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu.

20. Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.*

21. Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.*

22. Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.

23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

24. Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 30