Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 3:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zé; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.

8. Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.

9. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Ùphi na?

10. Wathi yena, Ndivé isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba zé; ndazimela.

11. Wathi, Ùxelelwe ngubani na, ukuba uhamba zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?

12. Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.

13. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.

14. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.

15. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.

16. Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.

17. KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, úqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; ùya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.

18. Úya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, ùdle umfuno wasendle.

19. Ùya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba ùluthuli, ùya kubuyela kwaseluthulini.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 3