Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 3:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;

3. ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.

4. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:

5. kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.

6. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.

7. Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zé; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.

8. Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.

9. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Ùphi na?

10. Wathi yena, Ndivé isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba zé; ndazimela.

11. Wathi, Ùxelelwe ngubani na, ukuba uhamba zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?

12. Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 3