Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 3:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi yena, Ndivé isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba zé; ndazimela.

11. Wathi, Ùxelelwe ngubani na, ukuba uhamba zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?

12. Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.

13. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.

14. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 3