Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Útshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?

2. Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;

3. ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.

4. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:

5. kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.

6. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 3