Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 29:6-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.

7. Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.

8. Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.

9. Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.

10. Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.

11. UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.

12. UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka.

13. Wagidima yena waxelela uyise. Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.

14. Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.

15. Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza ngelizé? Ndixelele umvuzo wakho.

16. Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.

17. Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.

18. UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, intombi yakho enci.

19. Wathi uLabhan, Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.

20. UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.

21. Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.

22. Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.

23. Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.

24. Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.

25. Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonzé ngenxa kaRakeli na? Yini na ukuba undikhohlise?

26. Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 29