Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 29:28-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe.

29. Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.

30. Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.

31. UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.

32. Wamitha ke uLeya, wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen,* ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.

33. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika naló; wamthiya igama elinguSimon.*

34. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.*

35. Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yoko wamthiya igama elinguYuda.* Wanqamka ukuzala.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 29