Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 29:14-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.

15. Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza ngelizé? Ndixelele umvuzo wakho.

16. Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.

17. Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.

18. UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, intombi yakho enci.

19. Wathi uLabhan, Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.

20. UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.

21. Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.

22. Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.

23. Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.

24. Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.

25. Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonzé ngenxa kaRakeli na? Yini na ukuba undikhohlise?

26. Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.

27. Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe; sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 29