Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 28:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;

4. akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.

5. UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram,* umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.

6. UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;

7. noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadanaram.

8. Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;

9. wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.

10. Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.

11. Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belitshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.

12. Waphupha ebona ileli, imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;

13. nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;

funda isahluko epheleleyo Igenesis 28