Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 28:15-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kuló mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, ndide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.

16. Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.

17. Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.

18. Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.

19. Wathi igama laloo ndawo yiBheteli,* nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.

20. Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla,

21. neengubo ndambatha, ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo:

22. uYehova woba nguThixo wam, neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 28