Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:43-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;

44. uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,

45. ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumèle ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?

46. Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27