Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;

4. undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.

5. Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.

6. URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho,

7. esithi, Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27