Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 27:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.

2. Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam.

3. Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;

4. undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.

5. Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.

6. URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho,

funda isahluko epheleleyo Igenesis 27