28. Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,
29. wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.
30. Wabenzela isidlo, badla, basela.
31. Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.
32. Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.
33. Wathi liyiShibha;* ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.
34. Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mané ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti;
35. babacaphukisa ooIsake noRebheka.