Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 26:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.

27. Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?

28. Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,

29. wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.

30. Wabenzela isidlo, badla, basela.

31. Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 26