Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 26:21-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.*

22. Wesuka khona wemba elinye iqula; àbabambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti.* Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.

23. Wenyuka wemka khona, waya eBhershebha.

24. UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.

25. Wákha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.

26. Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.

27. Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?

28. Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,

29. wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.

30. Wabenzela isidlo, badla, basela.

31. Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.

32. Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.

33. Wathi liyiShibha;* ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.

34. Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mané ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti;

funda isahluko epheleleyo Igenesis 26