Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 26:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.

15. Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.

16. Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.

17. UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.

18. Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.

19. Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.

20. Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke,* kuba babezamana naye.

21. Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.*

22. Wesuka khona wemba elinye iqula; àbabambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti.* Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.

23. Wenyuka wemka khona, waya eBhershebha.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 26