Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 26:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.

15. Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.

16. Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.

17. UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.

18. Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 26