Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 25:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre,

10. entsimini leyo wayithengayo uAbraham koonyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.

11. Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.

12. Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.

13. Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare,

14. noAdebhele, noMibhesam, noMishma, noDuma, noMasa;

15. uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.

16. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikhulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.

17. Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.

18. Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 25