Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 25:10-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. entsimini leyo wayithengayo uAbraham koonyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.

11. Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.

12. Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.

13. Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare,

14. noAdebhele, noMibhesam, noMishma, noDuma, noMasa;

15. uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.

16. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikhulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.

17. Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.

18. Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.

19. Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.

20. UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram* wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.

21. Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.

22. Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.

23. Wathi uYehova kuye,Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,Esinye somelele ngaphezu kwesinye;Omkhulu uya kukhonza omnci.

24. Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.

25. Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.*

26. Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.* UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.

27. Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.

28. UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 25