1. Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.
2-3. Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa. UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.
4. Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
5. UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo.
6. Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.
7. Yiyo le imihla yeminyaka yokudla ubomi kuka-Abraham awayidlayo; yiminyaka elikhulu elinamanci asixhenxe aneminyaka emihlanu.
8. UAbraham waphuma umphefumlo, wafa, eyingwevu enkulu, aluphele, ephele ebudaleni; wahlanganiselwa kwabakowabo.
9. OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre,
10. entsimini leyo wayithengayo uAbraham koonyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.