Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:50-67 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.

51. Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.

52. Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.

53. Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.

54. Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.

55. Wathi umnakwabo nonina, Makhe ihlale intombi nathi iintsuku nokuba zilishumi, ihambe ke emveni koko.

56. Wathi kubo, Musani ukundibambezela; uYehova uyenze yanempumelelo indlela yam; ndindululeni ndiye enkosini yam.

57. Bathi, Masiyibize intombi, sive ngomlomo wayo.

58. Bambiza uRebheka, bathi kuye, Ùya kuhamba na nale ndoda? Wathi, Ndohamba.

59. Bamndulula ke uRebheka udade wabo, nomanyisikazi wakhe, nomkhonzi ka-Abraham, namadoda abenaye.

60. Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ùngudade wethu; yiba ngamawakawaka, imbewu yakho ilidle ilifa isango lâbo bayithiyayo.

61. Wesuka uRebheka nomthinjana wakhe, bakhwela ezinkameleni, balandela emva kwendoda leyo. Umkhonzi wamthabatha ke uRebheka, wemka.

62. Ke kaloku uIsake weza ngendlela evela equleni likaPhila-ebonile; kuba ebemi ezweni lasezantsi.

63. Waphuma uIsake, waya kucamngca entsimini, xa kuhlwayo; wawaphakamisa amehlo akhe, wabona nanzo iinkamela zisiza.

64. URebheka wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uIsake, waziphosa phantsi, wehla enkameleni. Wathi kumkhonzi, Ngubani na laa mfo uhambayo entsimini, esiza kusikhawulela?

65. Wathi kumkhonzi, Ngubani na laa mfo uhambayo entsimini, esiza kusikhawulela? Wathi umkhonzi, Yinkosi yam. Wathabatha ke isigqubuthelo, wazigqubuthela.

66. Umkhonzi wamxelela uIsake izinto zonke abezenzile.

67. UIsake wamsa ententeni kaSara unina, wamzeka uRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda. UIsake wathuthuzeleka ke ngenxa yonina.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24