Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:45-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Ndingekagqibi mna ukuthetha entliziyweni yam, gqi uRebheka, esiza enomphanda egxalabeni lakhe, wehla waya emthonjeni, wakha; ndathi kuye, Khawundiphe ndisele.

46. Wakhawuleza, wawuhlisa umphanda wakhe kuye, wathi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza. Ndasela ke, waziseza neenkamela.

47. Ndambuza ndathi, Ùyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.

48. Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.

49. Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.

50. Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.

51. Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.

52. Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.

53. Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.

54. Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24