Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:29-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan; wagidima uLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.

30. Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.

31. Wathi, Yiza, wena usikelelweyo nguYehova; ùmeleni na ngaphandle? Mna ndiyilungisile indlu nendawo yeenkamela.

32. Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo; iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.

33. Kwabekwa ukudla phambi kwayo. Yathi yona, Andiyi kudla, ndide ndilithethe ilizwi lam. Wathi, Thetha.

34. Yathi, Ndingumkhonzi ka-Abraham.

35. UYehova uyisikelele kunene inkosi yam; wayikhulisa, wayinika impahla emfutshane, neenkomo, nesilivere, negolide, nabakhonzi, nabakhonzazana, neenkamela, namaesile.

36. Ke uSara, umfazi wenkosi yam, wayizalela inkosi yam unyana, emveni kokuba iseyaluphele. Imnike zonke izinto enazo.

37. Yandifungisa ke inkosi yam, isithi, Unyana wam uze ungamzekeli umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli ezweni lawo mna.

38. Suka uye endlwini kabawo emizalwaneni yakowethu, umzekele unyana wam umfazi.

39. Ndathi enkosini yam, Hi ke, àyandilandela inkazana leyo?

40. Yathi kum, UYehova, endihamba phambi kwakhe, wósithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayenze ibe nempumelelo indlela yakho, umzekele unyana wam umfazi emizalwaneni yakowethu, nasendlwini kabawo;

41. wandule ukuba msulwa esifungweni sam, xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.

42. Ndifikile ke namhlanje emthonjeni, ndathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, ukuba kaloku uyenzé yanempumelelo indlela yam endihamba ngayo,

43. yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; ke intombi ephuma isiza kukha, ndithi kuyo, Khawundiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho; ithi kum.

44. Sela wena, neenkamela zakho ndozikhelela nazo: mayibe yiyo engumfazi uYehova ammiseleyo unyana wenkosi yam.

45. Ndingekagqibi mna ukuthetha entliziyweni yam, gqi uRebheka, esiza enomphanda egxalabeni lakhe, wehla waya emthonjeni, wakha; ndathi kuye, Khawundiphe ndisele.

46. Wakhawuleza, wawuhlisa umphanda wakhe kuye, wathi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza. Ndasela ke, waziseza neenkamela.

47. Ndambuza ndathi, Ùyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.

48. Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24