Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:24-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Yathi kuye, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaMilka, awamzalela uNahore.

25. Yathi kuye, Sínawo umququ kwaneendiza ezaneleyo, nendawo yokulala.

26. Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.

27. Yathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayiyekelelanga inceba yakhe nenyaniso yakhe, imke enkosini yam: úthe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabazalwana benkosi yam.

28. Yakhawuleza intombi leyo, yaxelela indlu kanina ngokwalá mazwi.

29. URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan; wagidima uLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.

30. Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.

31. Wathi, Yiza, wena usikelelweyo nguYehova; ùmeleni na ngaphandle? Mna ndiyilungisile indlu nendawo yeenkamela.

32. Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo; iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.

33. Kwabekwa ukudla phambi kwayo. Yathi yona, Andiyi kudla, ndide ndilithethe ilizwi lam. Wathi, Thetha.

34. Yathi, Ndingumkhonzi ka-Abraham.

35. UYehova uyisikelele kunene inkosi yam; wayikhulisa, wayinika impahla emfutshane, neenkomo, nesilivere, negolide, nabakhonzi, nabakhonzazana, neenkamela, namaesile.

36. Ke uSara, umfazi wenkosi yam, wayizalela inkosi yam unyana, emveni kokuba iseyaluphele. Imnike zonke izinto enazo.

37. Yandifungisa ke inkosi yam, isithi, Unyana wam uze ungamzekeli umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli ezweni lawo mna.

38. Suka uye endlwini kabawo emizalwaneni yakowethu, umzekele unyana wam umfazi.

39. Ndathi enkosini yam, Hi ke, àyandilandela inkazana leyo?

40. Yathi kum, UYehova, endihamba phambi kwakhe, wósithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayenze ibe nempumelelo indlela yakho, umzekele unyana wam umfazi emizalwaneni yakowethu, nasendlwini kabawo;

41. wandule ukuba msulwa esifungweni sam, xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24