Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.

16. Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.

17. Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.

18. Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.

19. Yakugqiba ukumseza, yathi, Neenkamela zakho ndiya kuzikhelela, zide zigqibe ukusela.

20. Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke iinkamela zakhe.

21. Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumlelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.

22. Kwathi, iinkamela zigqibile ukusela, indoda leyo yathabatha ijikazi lempumlo legolide, elisisiqingatha seshekele* ubunzima balo, nezacholo zozibini zokufakwa ezandleni, eziziishekele ezilishumi zegolide ubunzima bazo; yathi,

23. Ùyintombi kabani na wena? Khawundixelele; kukho ndawo na yokulala endlwini kayihlo?

24. Yathi kuye, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaMilka, awamzalela uNahore.

25. Yathi kuye, Sínawo umququ kwaneendiza ezaneleyo, nendawo yokulala.

26. Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24