Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:10-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Umkhonzi wathabatha iinkamela ezilishumi kwiinkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram,* phakathi kweMilambo,* emzini kaNahore.

11. Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.

12. Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.

13. Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; iintombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi.

14. Ke intombi endothi kuyo, Khawuthobe umphanda wakho, ndisele; ize ithi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza nazo: mayibe yiyo oyimisele umkhonzi wakho uIsake; ndazi mna ngoko, ukuba uyenzele inkosi yam inceba.

15. Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.

16. Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.

17. Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.

18. Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.

19. Yakugqiba ukumseza, yathi, Neenkamela zakho ndiya kuzikhelela, zide zigqibe ukusela.

20. Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke iinkamela zakhe.

21. Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumlelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24