Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 24:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uAbraham ebaluphele, eselekhulile ebudaleni; uYehova waye emsikelele ke uAbraham ezintweni zonke.

2. Wathi uAbraham kumkhonzi wakhe, oyena mkhulu endlwini yakhe, obelawula zonke izinto abenazo, Khawubeke isandla sakho phantsi kwethangá lam,

3. ndikufùngise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo;

4. ukuba wòya ezweni lakowethu, nakwelokuzalwa kwam, umzekele unyana wam uIsake umfazi.

5. Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, àyavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe, ndombuyisela na unyana wakho kwelo zwe wàphuma kulo wena?

6. Wathi uAbraham kuye, Zilumkele ungambuyiseli unyana wam khona.

7. UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.

8. Ukuba ke inkazana leyo ithe àyavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze umgambuyiseli umyana wam khona.

9. Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethangá lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.

10. Umkhonzi wathabatha iinkamela ezilishumi kwiinkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram,* phakathi kweMilambo,* emzini kaNahore.

11. Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.

12. Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.

13. Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; iintombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 24