Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 23:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.

8. Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana ka Tsohare,

9. ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.

10. UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndíve!

11. Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi lowo.

12. Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.

13. Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungándiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.

14. UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,

15. Nkosi yam, ndíve! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere* ezimakhulu mané. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.

16. UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omané eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.

17. Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilima-ndlela ngeenxa zonke.

18. Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 23