Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 23:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.

13. Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungándiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.

14. UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,

15. Nkosi yam, ndíve! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere* ezimakhulu mané. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.

16. UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omané eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.

17. Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilima-ndlela ngeenxa zonke.

18. Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe.

19. Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.

20. Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 23