Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 23:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.

2. Wafa ke uSara eKiriyati ka-Arbha, eyiHebron, ezweni lakwaKanan. UAbraham waya kumbambazelela uSara nokumlilela.

3. Wesuka uAbraham ebusweni bomfikazi lowo,

4. wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.

5. Bamphendula uAbraham oonyana bakaHeti, bathi kuye, Síve, nkosi yam!

6. Ùsisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.

7. Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.

8. Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana ka Tsohare,

9. ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.

10. UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndíve!

11. Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi lowo.

12. Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.

13. Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungándiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 23