Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 22:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:

17. ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo;

18. zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.

19. Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBhershebha, wahlala uAbraham eBhershebha.

20. Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:

21. u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram,

22. noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu,

23. noBhetuweli (uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham.

24. Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 22