Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 21:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.

27. UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.

28. UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.

29. Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?

30. Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wòwathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula.

31. Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha;* ngokuba kulapho bafungayo bobabini.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 21