Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 21:13-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho.

14. Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha.

15. Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo.

16. Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila.

17. Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ùnantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona.

18. Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu.

19. UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe.

20. UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan;

21. unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.

22. Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.

23. Ngoko ndífungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wòthi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.

24. Wathi uAbraham, Mna ndofunga.

25. UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.

26. Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.

27. UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.

28. UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 21